-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Mateo 11:6|
Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
-
7
|Mateo 11:7|
BakubonÂ’ ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Naye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yabe iyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?
-
8
|Mateo 11:8|
Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo bambatha ezitofotofo baba sezindlwini zookumkani bona.
-
9
|Mateo 11:9|
Naye niphuma nisiya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumprofeti na? Ewe, ndithi kuni, node wagqithisa kumprofeti.
-
10
|Mateo 11:10|
Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
-
11
|Mateo 11:11|
Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.
-
12
|Mateo 11:12|
Kususela ke kwimihla kaYohane umbhaptizi kude kube kalokunje, ubukumkani bamazulu buyagonyamelwa, bathi abagonyameli babuthimbe.
-
13
|Mateo 11:13|
Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane.
-
14
|Mateo 11:14|
Kananjalo ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.
-
15
|Mateo 11:15|
Lowo uneendlebe zokuva makeve.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16