-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 1:11|
uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.
-
12
|Mateo 1:12|
Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli;
-
13
|Mateo 1:13|
uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;
-
14
|Mateo 1:14|
uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi;
-
15
|Mateo 1:15|
uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;
-
16
|Mateo 1:16|
uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.
-
17
|Mateo 1:17|
Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinazine.
-
18
|Mateo 1:18|
Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubonÂ’ ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.
-
19
|Mateo 1:19|
Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.
-
20
|Mateo 1:20|
AkubonÂ’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7