-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Mateo 2:6|
Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda, Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda: Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli, Onguyena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli.
-
7
|Mateo 2:7|
Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;
-
8
|Mateo 2:8|
wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula.
-
9
|Mateo 2:9|
Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.
-
10
|Mateo 2:10|
Zathi ke, zakuyibona inkwenkwezi, zavuya ngovuyo olukhulu kakhulu.
-
11
|Mateo 2:11|
Zingenile endlwini, zambona umntwana enoMariya unina, zawa phantsi, zaqubuda kuye; zathi, zinqike impahla yazo, zanikela kuye iminikelo, igolide, nentlaka emhlophe, nemore.
-
12
|Mateo 2:12|
Zathi, kuba zihlatyelwe nguThixo ephupheni ukuba zingabuyi ziye kuHerode, zemka ngayimbi indlela ukuya ezweni lakowazo.
-
13
|Mateo 2:13|
Zithe zakubonÂ’ ukuba zimkile ke zona, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuYosefu ephupheni, sisithi, Vuka, umthabathe umntwana nonina, usabele eYiputa, uze ube khona apho ndide ndikuxelele; kuba uHerode uhlalele ukumfuna umntwana lowo, ukuba amtshabalalise.
-
14
|Mateo 2:14|
Evukile ke yena, wamthabatha umntwana nonina ebusuku, wemka waya eYiputa.
-
15
|Mateo 2:15|
Waba khona apho wada wabhubha uHerode; ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti isithi, Ndambiza unyana wam ukuba aphume eYiputa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19