-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Mateo 4:6|
Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe zasemazulwini, Zikufukule ngezandla, Hleze ubetheke ngonyawo lwakho etyeni.
-
7
|Mateo 4:7|
Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kanjalo kwathiwa, Uze ungayihendahendi iNkosi uThixo wakho.
-
8
|Mateo 4:8|
Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo;
-
9
|Mateo 4:9|
athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.
-
10
|Mateo 4:10|
Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.
-
11
|Mateo 4:11|
Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.
-
12
|Mateo 4:12|
Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.
-
13
|Mateo 4:13|
Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;
-
14
|Mateo 4:14|
ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
-
15
|Mateo 4:15|
Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali, Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan, WaseGalili yeentlanga,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5