-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Mateo 2:16|
Ke kaloku uHerode, akubona ukuba izazi zidlale ngaye, waba nomsindo kunene, waza wathumela, wababulala bonke abantwana abaseBhetelehem, nakuyo yonke imida yayo, abaminyaka mibini bezelwe, nangaphantsi, elungelelanisa nexesha abeliqondisise kakuhle kuzo izazi.
-
17
|Mateo 2:17|
Kwandula ukuzaliseka okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti esithi,
-
18
|Mateo 2:18|
Kwavakala izwi eRama, Isimema nesililo nesijwili esikhulu, URakeli elilela abantwana bakhe, Engavumi ukuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.
-
19
|Mateo 2:19|
AkubonÂ’ ukuba ubhubhile ke uHerode, sabonakala isithunywa seNkosi sibonakala ephupheni kuYosefu eYiputa sisithi,
-
20
|Mateo 2:20|
Vuka, umthabathe umntwana nonina, uye ezweni lakwaSirayeli; kuba bafile abo babezonda ubomi bomntwana.
-
21
|Mateo 2:21|
Wavuka ke, wamthabatha umntwana nonina, weza ezweni lakwaSirayeli.
-
22
|Mateo 2:22|
Ke kaloku, akuva ukuba uArkelawo ungukumkani kwelakwaYuda esikhundleni sikaHerode uyise, woyika ukuhamba asinge khona; wathi ke, ehlatyelwe nguThixo ephupheni, wemka waya kumacala elaseGalili.
-
23
|Mateo 2:23|
Ufike wema emzini ekuthiwa yiNazarete; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngabaprofeti, okokuba wobizwa ngokuthi ungowase Nazarete.
-
1
|Mateo 3:1|
Ke kaloku, kuthi ngaloo mihla kufike uYohane umbhaptizi, ememeza entlango yelakwaYuda, esithi,
-
2
|Mateo 3:2|
Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19