-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Mateo 28:10|
Aze athi uYesu kubo, Musani ukoyika; yiyani kubatyela abazalwana bam ukuba baye eGalili; bondibona khona apho.
-
11
|Mateo 28:11|
BakubonÂ’ ukuba bayaya ke, kwesuka kwafika abathile babalindi kuwo umzi, bababikela ababingeleli abakhulu zonke izinto ezenzekileyo.
-
12
|Mateo 28:12|
Bathe bona, bakuhlanganisana namadoda amakhulu, bakubhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo,
-
13
|Mateo 28:13|
besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele.
-
14
|Mateo 28:14|
Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina.
-
15
|Mateo 28:15|
Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.
-
16
|Mateo 28:16|
Bahamba ke abafundi abalishumi eli namnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu.
-
17
|Mateo 28:17|
Baza bakumbona baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.
-
18
|Mateo 28:18|
Weza uYesu wathetha kubo, esithi, Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini.
-
19
|Mateo 28:19|
Hambani ngoko niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptizela egameni loYise, loNyana, loMoya oyiNgcwele;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7