-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
66
|Mateo 27:66|
Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.
-
1
|Mateo 28:1|
Ke kaloku, ekupheleni kwesabatha, ekuseni ngolokuqala usuku lweveki, kweza uMariya waseMagadala nomnye uMariya, beza kulikhangela ingcwaba.
-
2
|Mateo 28:2|
Kwasuka kwabakho unyikimo olukhulu; kuba kwakuhle isithunywa seNkosi emazulwini, seza saliqengqa ilitye lesuka emnyango, sahlala phezu kwalo.
-
3
|Mateo 28:3|
Ukubonakala kwaso ke kwaye kunjengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu.
-
4
|Mateo 28:4|
Ngokoyika sona ke bangcangcazela abalindi, baba njengabafileyo.
-
5
|Mateo 28:5|
Saphendula ke isithunywa sathi kubafazi abo, Musani ukoyika nina; kuba ndiyazi ukuba nifuna uYesu, lowo ubebethelelwe emnqamlezweni.
-
6
|Mateo 28:6|
Akakho apha; kuba uvukile, njengoko watshoyo; yizani niyibone indawo apho ibilele khona iNkosi.
-
7
|Mateo 28:7|
Yiyani ngokukhawuleza, nibaxelele abafundi bakhe ukuthi uvukile kwabafileyo; niyabona, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho. Yabonani, ndinixelele.
-
8
|Mateo 28:8|
Bephume kamsinya engcwabeni, benokoyika nokuvuya okukhulu, bagidima baya kubabikela abafundi bakhe.
-
9
|Mateo 28:9|
Ke kaloku, xa baya kubabikela abafundi bakhe, wathi thu uYesu, wabahlangabeza, esithi, Vuyani. Beza ke bambamba ngeenyawo, baqubuda kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10