-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Mateo 27:6|
Ke kaloku ababingeleli abakhulu bawathabatha loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuwagalela emkhombeni weminikelo, ngokokuba elinani legazi.
-
7
|Mateo 27:7|
Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.
-
8
|Mateo 27:8|
Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.
-
9
|Mateo 27:9|
Kwazaliseka ke okwathethwayo ngoYeremiya umprofeti, esithi, Bawathabatha loo maqhosha esilivere amashumi mathathu, inani lalowo wamiselwa inani, abammisela inani aboonyana bakaSirayeli,
-
10
|Mateo 27:10|
bawarholela umhlaba wombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi.
-
11
|Mateo 27:11|
Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuyo, Nawe utsho.
-
12
|Mateo 27:12|
Ke kaloku ekumangalelweni kwakhe ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendulanga nto.
-
13
|Mateo 27:13|
Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?
-
14
|Mateo 27:14|
Akaphendula zwi, noko lilinye, yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.
-
15
|Mateo 27:15|
Ke kaloku imithendeleko ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukuzikhululela izihlwele umbanjwa abe mnye, lowo babesithi bamfune.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10