-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
71
|Mateo 26:71|
Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.
-
72
|Mateo 26:72|
Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu.
-
73
|Mateo 26:73|
Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.
-
74
|Mateo 26:74|
Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
-
75
|Mateo 26:75|
Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra.
-
1
|Mateo 27:1|
Kuthe ke kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bambulale.
-
2
|Mateo 27:2|
Bathi bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.
-
3
|Mateo 27:3|
Waza uYuda, lowo wamngcatshayo, ebone ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela kwakubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu loo maqhosha esilivere amashumi mathathu,
-
4
|Mateo 27:4|
esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? Zibonele wena.
-
5
|Mateo 27:5|
Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10