-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
61
|Mateo 26:61|
athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.
-
62
|Mateo 26:62|
Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe?
-
63
|Mateo 26:63|
Wahlala yena uYesu wathi tu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo.
-
64
|Mateo 26:64|
Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.
-
65
|Mateo 26:65|
Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?
-
66
|Mateo 26:66|
Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokuba afe.
-
67
|Mateo 26:67|
Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza,
-
68
|Mateo 26:68|
besithi, Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?
-
69
|Mateo 26:69|
Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.
-
70
|Mateo 26:70|
Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10