-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
41
|Mateo 26:41|
Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
-
42
|Mateo 26:42|
Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.
-
43
|Mateo 26:43|
Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.
-
44
|Mateo 26:44|
Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.
-
45
|Mateo 26:45|
Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
-
46
|Mateo 26:46|
Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.
-
47
|Mateo 26:47|
Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.
-
48
|Mateo 26:48|
Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni.
-
49
|Mateo 26:49|
Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi! Wamanga nokumanga.
-
50
|Mateo 26:50|
Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na? Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10