-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Mateo 26:21|
Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha.
-
22
|Mateo 26:22|
Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi?
-
23
|Mateo 26:23|
Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha.
-
24
|Mateo 26:24|
UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
-
25
|Mateo 26:25|
Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi? Athi yena kuye, Uselutshilo nawe.
-
26
|Mateo 26:26|
BakubonÂ’ ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
-
27
|Mateo 26:27|
Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;
-
28
|Mateo 26:28|
kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.
-
29
|Mateo 26:29|
Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumka nini bukaBawo.
-
30
|Mateo 26:30|
Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10