-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Mateo 26:1|
Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,
-
2
|Mateo 26:2|
Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
-
3
|Mateo 26:3|
Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;
-
4
|Mateo 26:4|
babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.
-
5
|Mateo 26:5|
Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.
-
6
|Mateo 26:6|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,
-
7
|Mateo 26:7|
kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubonÂ’ ukuba uhleli ngasesithebeni.
-
8
|Mateo 26:8|
Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?
-
9
|Mateo 26:9|
Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.
-
10
|Mateo 26:10|
Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10