-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Mateo 26:11|
Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam.
-
12
|Mateo 26:12|
Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam.
-
13
|Mateo 26:13|
Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
-
14
|Mateo 26:14|
Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,
-
15
|Mateo 26:15|
wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu.
-
16
|Mateo 26:16|
Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.
-
17
|Mateo 26:17|
Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ufuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?
-
18
|Mateo 26:18|
Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam.
-
19
|Mateo 26:19|
Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.
-
20
|Mateo 26:20|
Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10