-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Mateo 27:26|
Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
-
27
|Mateo 27:27|
Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela phezu kwakhe ibutho lawo liphela.
-
28
|Mateo 27:28|
Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu.
-
29
|Mateo 27:29|
Aluka isithsaba ngameva, amthi jize ngaso entloko; abeka nengcongolo esandleni sakhe sokunene, awa ngamadolo phambi kwakhe, adlala ngaye, esithi, Aa! Kumkani wamaYuda!
-
30
|Mateo 27:30|
Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.
-
31
|Mateo 27:31|
Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.
-
32
|Mateo 27:32|
Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
-
33
|Mateo 27:33|
Athi akufika ndaweni kuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi,
-
34
|Mateo 27:34|
amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba asele; wathi akuyiva, akavuma ukuyisela.
-
35
|Mateo 27:35|
Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwa ngumprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7