-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
56
|Mateo 27:56|
ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi.
-
57
|Mateo 27:57|
Kwathi ke kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye.
-
58
|Mateo 27:58|
Yena lowo waya kuPilato, wacela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikelwe umzimba.
-
59
|Mateo 27:59|
Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe.
-
60
|Mateo 27:60|
Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka.
-
61
|Mateo 27:61|
Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.
-
62
|Mateo 27:62|
Ke kaloku ngengomso, eliyimini esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato,
-
63
|Mateo 27:63|
besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka.
-
64
|Mateo 27:64|
Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.
-
65
|Mateo 27:65|
Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19