-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
46
|Mateo 27:46|
Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam! Thixo wam! Undishiye ngani na?
-
47
|Mateo 27:47|
Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya.
-
48
|Mateo 27:48|
Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza.
-
49
|Mateo 27:49|
Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.
-
50
|Mateo 27:50|
Uthe ke uYesu, ephinde wadanduluka ngezwi elikhulu, wawukhupha umoya wakhe.
-
51
|Mateo 27:51|
Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathele phezulu lada lesa phantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,
-
52
|Mateo 27:52|
namangcwaba avuleka, zathi izidumbu ezininzi zabangcwele ababelele zavuka;
-
53
|Mateo 27:53|
baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi.
-
54
|Mateo 27:54|
Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.
-
55
|Mateo 27:55|
Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babemlandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19