-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
38
|Mateo 10:38|
Nongawuthabathiyo umnqamlezo wakhe, alandele emva kwam, akandifanele mna.
-
39
|Mateo 10:39|
Lowo uwufumeneyo umphefumlo wakhe, wolahlekwa nguwo; nalowo uwulahlileyo umphefumlo wakhe ngenxa yam, uya kuwufumana.
-
40
|Mateo 10:40|
Lowo wamkela nina, wamkela mna; nalowo wamkela mna, wamkela owandithumayo.
-
41
|Mateo 10:41|
Lowo wamkela umprofeti egameni lomprofeti, uya kwamkela umvuzo womprofeti; nalowo wamkela ilungisa egameni lelungisa, uya kwamkela umvuzo welungisa.
-
42
|Mateo 10:42|
Nothe waseza noko amnye waba bangabona bancinane indebe yodwa yamanzi abandayo egameni lomfundi, inene ndithi kuni, akayi kukha alahlekelwe ngumvuzo wakhe.
-
1
|Mateo 11:1|
Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo.
-
2
|Mateo 11:2|
Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe,
-
3
|Mateo 11:3|
wathi kuye, Wena ungulowo uzayo na, silinde wumbi, kusini na?
-
4
|Mateo 11:4|
Waphendula uYesu wathi kubo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo:
-
5
|Mateo 11:5|
iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba; abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva; abafileyo bayavuswa, namahlwempu aya zishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16