-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Mateo 10:8|
Philisani imilwelwe, hlambululani abaneqhenqa, vusani abafileyo, khuphani iidemon; namkele ngesisa, yiphani ngesisa.
-
9
|Mateo 10:9|
Ningaziqwebeli golide nasilivere nalubhedu emibhinqweni yenu;
-
10
|Mateo 10:10|
nangxowa yandlela, nangubo zangaphantsi ngambini, nambadada, namsimelelo; kuba umsebenzi ufanelwe kukudla kwakhe.
-
11
|Mateo 10:11|
Emzini ke enithe nangena kuwo, nokuba kusemzaneni, ize nibuzise ukuba ngubani na kuwo ofanelekileyo; nihlale ke khona apho nide nimke.
-
12
|Mateo 10:12|
Ekungeneni kwenu ke endlwini, ize niyibulise.
-
13
|Mateo 10:13|
Ukuba ke ifanelekile indlu leyo, malube phezu kwayo uxolo lwenu; ukuba ayifanelekile, uxolo lwenu malubuyele kwakuni.
-
14
|Mateo 10:14|
Nothe akawamkela, akaweva amazwi enu, nakuphuma kuloo ndlu nakuloo mzi, vuthululani uthuli lweenyawo zenu.
-
15
|Mateo 10:15|
Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom nowaseGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi.
-
16
|Mateo 10:16|
Yabonani, mna ndinithuma njengezimvu phakathi kweengcuka; ngoko yibani nobulumko njengeenyoka, nibe njengamahobe ukungabi nabuqhinga.
-
17
|Mateo 10:17|
Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, banityakatye ezindlwini zabo zesikhungu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16