-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
36
|Mateo 9:36|
Wathi, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.
-
37
|Mateo 9:37|
Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa.
-
38
|Mateo 9:38|
Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.
-
1
|Mateo 10:1|
Waza wababizela kuye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.
-
2
|Mateo 10:2|
Amagama ke abapostile abo balishumi elinababini ngawo la: owokuqala, uSimon ekuthiwa nguPetros, noAndreya umzalwana wakhe; uYakobi kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe; uFilipu noBhartolomeyu;
-
3
|Mateo 10:3|
uTomas noMateyu, umbuthi werhafu; uYakobi ka-Alifeyu, noLebheyu, ogama limbi linguTadeyu;
-
4
|Mateo 10:4|
uSimon umKanan noYuda Sikariyoti, lowo wamngcatshayo.
-
5
|Mateo 10:5|
Abo bashumi linababini wabathuma uYesu, akuba ebayalile, wathi, Ze ningasingi endleleni yeentlanga, ningangeni nasemzini wamaSamariya;
-
6
|Mateo 10:6|
yiyani ke kanye kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.
-
7
|Mateo 10:7|
Ekuhambeni kwenu ke vakalisani, nisithi, Ubukumkani bamazulu busondele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16