-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Mateo 9:16|
Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba.
-
17
|Mateo 9:17|
Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale iintsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
-
18
|Mateo 9:18|
AkubonÂ’ ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila.
-
19
|Mateo 9:19|
Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe.
-
20
|Mateo 9:20|
Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe;
-
21
|Mateo 9:21|
kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa.
-
22
|Mateo 9:22|
Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela, ukholo lwakho lukusindisile. Yasindiswa loo ntokazi kwangelo lixa.
-
23
|Mateo 9:23|
Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela;
-
24
|Mateo 9:24|
athi kubo, Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini.
-
25
|Mateo 9:25|
Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16