-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Mateo 9:26|
Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba.
-
27
|Mateo 9:27|
Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide.
-
28
|Mateo 9:28|
Zithe, akungena ke endlwini, zeza kufika kuye iimfama; athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Zithe kuye, Ewe, Nkosi.
-
29
|Mateo 9:29|
Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni.
-
30
|Mateo 9:30|
Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto.
-
31
|Mateo 9:31|
Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mhlaba.
-
32
|Mateo 9:32|
Ke kaloku zakubonÂ’ ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon.
-
33
|Mateo 9:33|
Kwathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge; zamangaliswa izihlwele, zisithi, Akuzanga kubonwe okunje kwaSirayeli.
-
34
|Mateo 9:34|
Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.
-
35
|Mateo 9:35|
Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, evakalisa iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 14-16