-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Mateo 8:30|
Bekukho ke mgama kubo ugxuba olukhulu lweehagu lusidla.
-
31
|Mateo 8:31|
Zaye ke iidemon zimbongoza, zisithi, Ukuba uyasikhupha, sivumele siye kungena elugxubeni lweehagu oluya.
-
32
|Mateo 8:32|
Wathi kuzo, Yiyani. Zaphuma ke, zaya kungena elugxubeni lweehagu; lwasuka lonke ugxuba lweehagu lwaphaphatheka, lwehla eweni, lwela elwandle; zatshabalala emanzini.
-
33
|Mateo 8:33|
Bathe ke abo babezalusa basaba, baya ekhaya, babika into yonke, kwanendawo yababephethwe ziidemon.
-
34
|Mateo 8:34|
Wasuka wonke umzi waphuma, waya kumhlangabeza uYesu; bathi bakumbona, bambongoza ukuba agqithe kuloo mida yabo.
-
1
|Mateo 9:1|
Engenile ke emkhombeni, wawela, Weza kufika emzini wakowabo.
-
2
|Mateo 9:2|
Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. UYesu, elubona ukholo lwabo, wathi kuye onedumbe, Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.
-
3
|Mateo 9:3|
Besuka ababhali abathile, bathi phakathi kwabo, Lo uyanyelisa.
-
4
|Mateo 9:4|
UYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu?
-
5
|Mateo 9:5|
Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 1-4