-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Mateo 8:10|
Evile ke uYesu wamangaliswa, wathi kwabalandelayo, Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.
-
11
|Mateo 8:11|
Ndithi ke kuni, Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu.
-
12
|Mateo 8:12|
Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
-
13
|Mateo 8:13|
Waza wathi uYesu kumthetheli-khulu, Hamba ke, makwenzeke kuwe ngokokholo lwakho. Saphiliswa kwangalo elo lixa isicaka sakhe.
-
14
|Mateo 8:14|
Ke kaloku uYesu wangena endlwini kaPetros, wabona umkhwekazi wakhe elele, esifa yicesina.
-
15
|Mateo 8:15|
Waza wachukumisa isandla sakhe, yamyeka icesina; wavuka ke, wabalungiselela.
-
16
|Mateo 8:16|
Kuthe ke kwakuhlwa, kwaziswa kuye into eninzi yabaphethwe ziidemon; wabakhupha oomoya abo ngelizwi, wathi nabo bonke abafayo wabaphilisa;
-
17
|Mateo 8:17|
ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yena ngokwakhe wabuthabatha ubulwelwe bethu, wazithwala izifo zethu.
-
18
|Mateo 8:18|
Uthe ke uYesu, akubona abantu abaninzi bemphahlile, wathi makumkiwe kuyiwe ngaphesheya.
-
19
|Mateo 8:19|
Kweza mbhali uthile, wathi kuye, Mfundisi, ndiya kukulandela apho ungaya khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 1-4