-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Mateo 8:20|
Athi uYesu kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; yena uNyana woMntu akanandawo apho angalalisa khona intloko.
-
21
|Mateo 8:21|
Uthe ke omnye wabafundi bakhe kuye, Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.
-
22
|Mateo 8:22|
Wathi ke uYesu kuye, Landela mna, ubayeke abafileyo bangcwabe abafileyo babo.
-
23
|Mateo 8:23|
Engenile ke emkhombeni, bamlandela abafundi bakhe.
-
24
|Mateo 8:24|
Kwasuka kwabakho uqhwithela olukhulu elwandle, ngokokude umkhombe ugutyungelwe ngamaza; waye ke yena elele ubuthongo.
-
25
|Mateo 8:25|
Beza abafundi bakhe bamvusa, besithi, Nkosi, sisindise, satshabalala!
-
26
|Mateo 8:26|
Athi kubo, Yini na ukuba nibe ngamagwala, bantundini balukholo luncinane? Waza wavuka, wayikhalimela imimoya nolwandle; kwabakho ukuzola okukhulu.
-
27
|Mateo 8:27|
Bamangaliswa ke abantu abo, besithi, Ngumntu mni na lo, le nto alulanyelwayo nayimimoya nalulwandle?
-
28
|Mateo 8:28|
Kuthe akufika ngaphesheya, ezweni lamaGergasi, kwaqubisana naye abantu ababini abaphethwe ziidemon, bephuma emangcwabeni, belugcalagcala, kwada kwayinkohla ukuba kudlule umntu ngaloo ndlela.
-
29
|Mateo 8:29|
Basuka bakhala besithi, Yintoni na enathi nawe, Yesu, Nyana kaThixo? Apha uze kusithuthumbisa na phambi kwelona xesha?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 1-4