-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Mateo 17:15|
Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, esiva ubunzima obukhulu; kuba esiwa futhi emlilweni, nasemanzini futhi.
-
16
|Mateo 17:16|
Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa.
-
17
|Mateo 17:17|
Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.
-
18
|Mateo 17:18|
Waza uYesu wayikhalimela, yaphuma kuye idemon; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
-
19
|Mateo 17:19|
Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuyikhupha thina?
-
20
|Mateo 17:20|
Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.
-
21
|Mateo 17:21|
Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
-
22
|Mateo 17:22|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, UNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;
-
23
|Mateo 17:23|
baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu avuke. Baba buhlungu kakhulu.
-
24
|Mateo 17:24|
Ke, bakubonÂ’ ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile, bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13