-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Mateo 17:25|
Athi, Ewe, uyayirhola. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?
-
26
|Mateo 17:26|
Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Wathi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona oonyana.
-
27
|Mateo 17:27|
Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.
-
1
|Mateo 18:1|
Ngelo lixa beza abafundi kuYesu, besithi, Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?
-
2
|Mateo 18:2|
UYesu wabizela kuye umntwana, wammisa phakathi kwabo.
-
3
|Mateo 18:3|
Wathi, Inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.
-
4
|Mateo 18:4|
Osukuba ngoko ethe wazithoba njengalo mntwana nguye omkhulu kunabanye ebukumkanini bamazulu.
-
5
|Mateo 18:5|
Kanjalo othe wamkela umntwana onje, noko amnye, egameni lam, wamkela mna.
-
6
|Mateo 18:6|
Ke othe wakhubekisa noko amnye waba bancinane bakholwayo kum, ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.
-
7
|Mateo 18:7|
Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso; kodwa yeha loo mntu siza ngaye isikhubekiso!
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 11-13