-
-
Xhosa
-
-
11
|Nehemías 9:11|
Walwahlula ulwandle phambi kwabo; bawela elwandle komile, abasukeli babo wabazulumbela ezinzulwini njengelitye emanzini anamandla.
-
12
|Nehemías 9:12|
Wabakhokela ngomqulu welifu emini, nangomqulu womlilo ebusuku, ukuba ubakhanyisele indlela ababehamba ngayo.
-
13
|Nehemías 9:13|
Wehla phezu kwentaba yeSinayi, wathetha nabo uvela emazulwini, wabanika amasiko athe tye, nemiyalelo eyinyaniso, nemimiselo, nemithetho elungileyo;
-
14
|Nehemías 9:14|
wabazisa isabatha yakho engcwele, wabamisela imithetho, nemimiselo, nomyalelo, ngesandla sikaMoses umkhonzi wakho.
-
15
|Nehemías 9:15|
Wabanika isonka sasezulwini ngenxa yokulamba kwabo, wabavelisela namanzi engxondorheni ngenxa yokunxanwa kwabo; wathi kubo, mabaye kulihlutha ilizwe, owabaphakamisela isandla sakho, ukuba wobanika lona.
-
16
|Nehemías 9:16|
Ke bona oobawo bakhukhumala, bazenza lukhuni iintamo zabo, abayiphulaphula imithetho yakho.
-
17
|Nehemías 9:17|
Abavuma ukuva, abayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba unguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, akwabashiya.
-
18
|Nehemías 9:18|
Noko ke bazenzela ithole elingumfanekiso otyhidiweyo, bathi, Nguye lo uThixo wakho owakunyusayo eYiputa; bakugiba kakhulu.
-
19
|Nehemías 9:19|
Ke wena, ngeemfesane zakho ezinkulu, akubashiyanga entlango; umqulu welifu wokubakhokela ngendlela awumkanga kubo emini, nomqulu womlilo ebusuku wokubakhanyisela indlela ababamba ngayo.
-
20
|Nehemías 9:20|
Wabanika umoya wakho olungileyo, ukuba ubaqononondise; akuwuvimbanga umlomo wabo imana yakho, wabanika amanzi ngenxa yenxano labo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3