-
-
Xhosa
-
-
21
|Nehemías 9:21|
Iminyaka emashumi mane wabafunzela entlango, abaswela nto; iingubo zabo azonakalanga bubudala, iinyawo zabo azidumbanga.
-
22
|Nehemías 9:22|
Wabanika izikumkani nezizwe, wabahlulahlula ngokwemida yabo; balihlutha ilizwe lakwaSihon, ilizwe lokumkani waseHeshbhon, kwanelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan.
-
23
|Nehemías 9:23|
Wabandisa oonyana babo njengeenkwenkwezi zezulu; wabazisa kwelo zwe, wathi kooyise mabaze balihluthe.
-
24
|Nehemías 9:24|
Bangena ke oonyana abo, balihlutha ilizwe elo; wabathoba phambi kwabo abemi belizwe, amaKanan, wawanikela ezandleni zabo, ookumkani bawo nezizwe zelizwe elo, ukuba benze kuzo ngokuzithandela kwabo.
-
25
|Nehemías 9:25|
Bayithimba imizi enqatyisiweyo, nomhlaba otyebileyo; bahlutha izindlu zizele zizinto zonke ezintle, amaqula ambiweyo, nezidiliya, nezinquma, nemithi edliwayo yamininzi. Badla, bahlutha, batyeba, baziyolisa ngokulunga kwakho okukhulu.
-
26
|Nehemías 9:26|
Besuka baphika, bagwilika kuwe, umyalelo wakho bawuphosela emva komhlana wabo, bababulala abaprofeti bakho ababengqina kubo, ukuba bababuvisele kuwe; bakugiba kakhulu.
-
27
|Nehemías 9:27|
Wabanikela ezandleni zababandezeli babo, bababandezela. Ngexesha lokubandezelwa kwabo bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabanika abasindisi ngokweemfesane zakho ezinkulu, babasindisa ezandleni zababandezeli babo.
-
28
|Nehemías 9:28|
Bakuba nokuphumla, babuya benza okubi phambi kwakho, wabashiya ezandleni zeentshaba zabo, zabanyathela. Babuya bakhala kuwe; wena weva usemazulwini, wabahlangula ngokweemfesane zakho amaxesha amaninzi.
-
29
|Nehemías 9:29|
Wangqina ngabo, ukuba ubabuyisele emyalelweni wakho; ke bona bakhukhumala, abayiphulaphula imithetho yakho; amasiko akho bona kuwo, awothi umntu owenzayo aphile ngawo; bamangala negxalaba, bazenza lukhuni iintamo zabo, abaphulaphula.
-
30
|Nehemías 9:30|
Wabathwala iminyaka emininzi, wangqina ngabo ngoMoya wakho, ngabaprofeti bakho; abakubekela ndlebe; wabanikela ke ezandleni zezizwe zamazwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7