-
-
Xhosa
-
-
31
|Nehemías 9:31|
Ke ngeemfesane zakho ezinkulu akubagqibanga kuphele, akubashiyanga; ngokuba unguThixo onobabalo, nemfesane.
-
32
|Nehemías 9:32|
Kaloku, Thixo wethu, Thixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ogcina umnqophiso nenceba, mayingabi ncinane phambi kwakho yonke indiniso esiyifumeneyo thina, nookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, nabaprofeti bethu, noobawo, nabantu bakho bonke, kususela kwimihla yookumkani baseAsiriya, kude kube yile mini.
-
33
|Nehemías 9:33|
Ulilungisa entweni yonke esifikeleyo; ngokuba wena wenze inyaniso, ke thina senze okungendawo.
-
34
|Nehemías 9:34|
Ookumkani bethu, nabathetheli bethu, nababingeleli bethu, noobawo, abawenzanga umyalelo wakho, abazibazanga iindlebe emithethweni yakho, nasezingqinweni zakho, owangqina ngazo ngabo.
-
35
|Nehemías 9:35|
Bona, ebukumkanini babo, ekulungeni kwakho okukhulu owabanikayo, ezweni elibanzi, elityebileyo, owabanikayo, abakukhonzanga, ababuyanga ezenzweni zabo ezibi.
-
36
|Nehemías 9:36|
Yabona, singabakhonzi namhla; nelizwe owalinika oobawo, ukuba sidle iziqhamo zalo nokulunga kwalo, nanku singabakhonzi kulo.
-
37
|Nehemías 9:37|
Ungeniselo lwalo lilwandisela ookumkani, owabamisa phezu kwethu ngenxa yezono zethu; bayayilawula imizimba yethu neenkomo zethu, ngokuzithandela kwabo; sisembandezelweni enkulu.
-
38
|Nehemías 9:38|
Ngezo zinto zonke senza umnqophiso wenene, sawubhala; bawutywina abathetheli bethu, nabaLevi bethu, nababingeleli bethu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7