-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Proverbios 22:11|
Othanda ukuhlambuluka kwentliziyo, Omlomo unobabalo, umhlobo wakhe ngukumkani.
-
12
|Proverbios 22:12|
Amehlo kaYehova alondoloza ukwazi, Aphenule intetho yenginingini.
-
13
|Proverbios 22:13|
Ivila lithi, Kukho ingonyama phandle, Ndoncinithwa ezitratweni.
-
14
|Proverbios 22:14|
Sisihogo esinzulu umlomo wabafazi abangengabo; Obhavunyelwa nguYehova weyela khona.
-
15
|Proverbios 22:15|
Ukumatha kubotshiwe entliziyweni yomntwana; Intonga yokuqeqesha yokumkisa kuye.
-
16
|Proverbios 22:16|
Ocudisa isisweli, ukuba andise okwakhe, Nonika isityebi, uhlelwa yintswelo kuphela.
-
17
|Proverbios 22:17|
Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko, Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.
-
18
|Proverbios 22:18|
Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini; Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.
-
19
|Proverbios 22:19|
Ukuze ukholose ngoYehova, Ndikwazisile namhla wena lo.
-
20
|Proverbios 22:20|
Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko, Ezineengcebiso nokwazi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40