-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Proverbios 22:21|
Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso, Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?
-
22
|Proverbios 22:22|
Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli, Ungamtyumzi olusizana esangweni;
-
23
|Proverbios 22:23|
Kuba uYehova eya kubambana nababambene nabo, Awonakalise umphefumlo wabonakalisa bona.
-
24
|Proverbios 22:24|
Musa ukuqhelana nomntu onomsindo, Ungahambi nendoda enobushushu,
-
25
|Proverbios 22:25|
Hleze ufunde iindlela zayo, Urhintyelise umphefumlo wakho.
-
26
|Proverbios 22:26|
Musa ukuba phakathi kwababambana nomnye ngesandla, Phakathi kwabamela into ebolekiweyo.
-
27
|Proverbios 22:27|
Ukuba uthe akwaba nanto yakuhlawula, Yini na ukuba athabathe ukhuko lwakho phantsi kwakho?
-
28
|Proverbios 22:28|
Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala, Abawenzayo ooyihlo.
-
29
|Proverbios 22:29|
Uyayibona indoda eyinkunkqele eshishinini layo? Inokuma phambi kokumkani; Ayinakuma phambi kwabantu abangenagama.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40