-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 2:1|
Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam,
-
2
|Proverbios 2:2|
Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho;
-
3
|Proverbios 2:3|
Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho;
-
4
|Proverbios 2:4|
Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo:
-
5
|Proverbios 2:5|
Uya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo,
-
6
|Proverbios 2:6|
Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda.
-
7
|Proverbios 2:7|
Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo,
-
8
|Proverbios 2:8|
Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba.
-
9
|Proverbios 2:9|
Uya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo;
-
10
|Proverbios 2:10|
Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40