-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Proverbios 4:1|
Luveni, bonyana, uqeqesho lukayihlo, Nizibaze iindlebe ukuze nikwazi ukuqonda.
-
2
|Proverbios 4:2|
Kuba ndininika imfundiso elungileyo; Musani ukuwushiya umyalelo wam.
-
3
|Proverbios 4:3|
Kuba ndandingunyana kubawo, Ndithambile, ndimnye phambi koma.
-
4
|Proverbios 4:4|
Wandiyala ke, wathi kum, Intliziyo yakho mayiwabambe amazwi am; Gcina imithetho yam, uphile,
-
5
|Proverbios 4:5|
Rhweba ubulumko, rhweba ingqondo; Musa ukulibala, ungathi gu bucala entethweni yomlomo wam.
-
6
|Proverbios 4:6|
Musa ukubushiya, bokugcina; Buthande, bokulondoloza.
-
7
|Proverbios 4:7|
Ingqalo yobulumko ithi, Rhweba ubulumko, Ngako konke ukurhweba kwakho urhwebe ingqondo.
-
8
|Proverbios 4:8|
Bunonelele, bokuphakamisa; Bokuzukisa, xa uthe wabuwola.
-
9
|Proverbios 4:9|
Boyinika intloko yakho isangqawe esihle, Bokupha isithsaba sokuhomba.
-
10
|Proverbios 4:10|
Yiva, nyana wam, uyamkele intetho yam, Iba mininzi kuwe iminyaka yobomi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40