-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Proverbios 4:11|
Ndikuyalele indlela yobulumko, Ndikunyathelise emkhondweni wokuthe tye.
-
12
|Proverbios 4:12|
Ekuhambeni kwakho akayi kuxinana amabanga akho; Nokuba uthe wagidima, akuyi kukhubeka.
-
13
|Proverbios 4:13|
Bambelela eluqeqeshweni, musa ukuluyeka; Lulondoloze, ngokuba lububomi bakho.
-
14
|Proverbios 4:14|
Musa ukungena emendweni wabangendawo, Unganyatheli endleleni yabanobubi.
-
15
|Proverbios 4:15|
Yiyeke; musa ukuya kugqitha kuyo; Yicezele, ugqithe.
-
16
|Proverbios 4:16|
Kuba abalali, ukuba abathanga benze ububi; Bemkelwa bubuthongo ukuba abathanga bakhubekise abanye.
-
17
|Proverbios 4:17|
Kuba badla isonka sokungendawo, Basele iwayini yogonyamelo.
-
18
|Proverbios 4:18|
Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, Okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.
-
19
|Proverbios 4:19|
Indlela yabangendawo injengesithokothoko; Abayazi into abakhubeka kuyo.
-
20
|Proverbios 4:20|
Nyana wam, wabazele indlebe amazwi am; Intetho yam yithobele indlebe yakho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40