-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Proverbios 7:11|
Uyaphithizela, uyinjubaqa; Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.
-
12
|Proverbios 7:12|
Uthi ephandle, abe esezitratweni, Alale kufuphi neembombo zonke.
-
13
|Proverbios 7:13|
Wambamba ke, wamanga, Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,
-
14
|Proverbios 7:14|
Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam, Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.
-
15
|Proverbios 7:15|
Ngenxa yoko ndiphume ndeza kukukhawulela, Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.
-
16
|Proverbios 7:16|
Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo, Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;
-
17
|Proverbios 7:17|
Ndisifefe isilili sam Ngemore, nehaloti, nesinamon.
-
18
|Proverbios 7:18|
Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse, Sizidlamkise ngothando.
-
19
|Proverbios 7:19|
Kuba indoda ayikho ekhaya, Ihambe uhambo olude;
-
20
|Proverbios 7:20|
Iphethe ingxowa yemali; Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7