-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
14
|Proverbios 5:14|
Ndaphantsa ukuba sebubini bonke Esazulwini sesikhungu nebandla.
-
15
|Proverbios 5:15|
Sela amanzi kwelakho iqula, Nemiqukuqela yamanzi ephuma emthonjeni wakho.
-
16
|Proverbios 5:16|
Mayiphalale phandle imithombo yakho, Ibe yimijelo yamanzi ezitratweni.
-
17
|Proverbios 5:17|
Mayibe yeyakho, yeyakho wedwa, Ingabi yeyabangengabo abakowenu kunye nawe.
-
18
|Proverbios 5:18|
Malisikelelwe ithende lakho, Uvuye ngumfazi wobutsha bakho;
-
19
|Proverbios 5:19|
Makabe yimazi yexhama elithandekayo, neyegogo elihle; Amabele akhe akukholise ngamaxesha onke, Uyotywe luthando lwakhe kuphele.
-
20
|Proverbios 5:20|
Yini na, nyana wam, ukuba uyotywe ngumkamntu, Uwole isifuba sowolunye uhlanga?
-
21
|Proverbios 5:21|
Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova, Ayilungelelanise imikhondo yakhe.
-
22
|Proverbios 5:22|
Ubugwenxa bakhe bumthi hlasi ongendawo, Abanjwe ziimbophelelo zesono sakhe.
-
23
|Proverbios 5:23|
Yena ufa kukuswela uqeqesho, Ayobe ebuninzini bokumatha kwakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32