-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Proverbios 7:6|
Kuba ngefestile yendlu yam, Ndingasemva kwenqwanqwa, ndalunguza;
-
7
|Proverbios 7:7|
Ndabona phakathi kweziyatha, Ndaqonda phakathi kwamadodana, Umfana oswele intliziyo;
-
8
|Proverbios 7:8|
Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu, Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe;
-
9
|Proverbios 7:9|
Ngongcwalazi, ukumka komhla, Naphakathi kobusuku esithokothokweni.
-
10
|Proverbios 7:10|
Nanko umfazi emkhawulela, Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.
-
11
|Proverbios 7:11|
Uyaphithizela, uyinjubaqa; Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.
-
12
|Proverbios 7:12|
Uthi ephandle, abe esezitratweni, Alale kufuphi neembombo zonke.
-
13
|Proverbios 7:13|
Wambamba ke, wamanga, Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,
-
14
|Proverbios 7:14|
Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam, Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.
-
15
|Proverbios 7:15|
Ngenxa yoko ndiphume ndeza kukukhawulela, Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32