-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
16
|Proverbios 19:16|
Ogcine umthetho ugcine umphefumlo wakhe; Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.
-
17
|Proverbios 19:17|
Uboleka uYehova obabala isisweli; Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.
-
18
|Proverbios 19:18|
Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba; Kodwa ungangxameli kumbulala.
-
19
|Proverbios 19:19|
Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula; Kuba xa uthe wamhlangula, woba mandundu.
-
20
|Proverbios 19:20|
Live icebo, ulwamkele uqeqesho, Ukuze ulumke ngexesha elizayo.
-
21
|Proverbios 19:21|
Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu; Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.
-
22
|Proverbios 19:22|
Umnqweno womntu yinceba yakhe; Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.
-
23
|Proverbios 19:23|
Ukoyika uYehova kusa ebomini; Onako uya kuhlala ehluthi.
-
24
|Proverbios 19:24|
Ivila lisifake isandla salo esityeni, Alibi sasibuyisela emlonyeni walo.
-
25
|Proverbios 19:25|
Umbethile umgxeki, siba nobuqili isiyatha; Umohlwayile onengqondo, woqonda azi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10