-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Proverbios 20:17|
Sinencasa endodeni isonka sobuxoki; Ke emveni koko umlomo wayo uzala luhlalu.
-
18
|Proverbios 20:18|
Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano; Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo.
-
19
|Proverbios 20:19|
Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ungadibani nepholopholo.
-
20
|Proverbios 20:20|
Otshabhisa uyise nonina, Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.
-
21
|Proverbios 20:21|
Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni, Ukuphela kwalo akunantsikelelo.
-
22
|Proverbios 20:22|
Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi; Thembela kuYehova, wokusindisa.
-
23
|Proverbios 20:23|
Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye; Nesikali esikhohlisayo asilungile.
-
24
|Proverbios 20:24|
Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda; Umntu angathini na ukuyiqonda indlela yakhe?
-
25
|Proverbios 20:25|
Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele, Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe.
-
26
|Proverbios 20:26|
Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo, Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10