-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
6
|Proverbios 3:6|
Uze umazi yena ezindleleni zakho zonke; Wowulungelelanisa umendo wakho.
-
7
|Proverbios 3:7|
Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo; Yoyika uYehova usuke entweni embi.
-
8
|Proverbios 3:8|
Ukuphila kobakho enkabeni yakho, Nokuqina emathanjeni akho.
-
9
|Proverbios 3:9|
Mzukise uYehova ngobuncwane bakho, Nangentlahlela yongeniselo lwakho lonke:
-
10
|Proverbios 3:10|
Ozala amaqonga akho bubuninzi, Nemikhombe yakho yokukhongozela iphuphume iwayini entsha.
-
11
|Proverbios 3:11|
Uqeqesho lukaYehova, nyana wam, musa ukulucekisa, Ungakruquki sisohlwayo sakhe;
-
12
|Proverbios 3:12|
Kuba lo amthandayo uYehova uyamohlwaya, Njengoyise esohlwaya unyana akholwayo nguye.
-
13
|Proverbios 3:13|
Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, Lomntu ozuze ingqondo!
-
14
|Proverbios 3:14|
Kuba lulungile urhwebo lwabo ngaphezu korhwebo lwesilivere, Nongeniselo lwabo ngaphezu kwegolide embiweyo.
-
15
|Proverbios 3:15|
Bunqabile bona ngaphezu kwekorale, Nezinto zakho zonke ezinqwenelekayo azilingani nabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19