-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Proverbios 28:25|
Omphefumlo ubawayo uxhaya ingxabano; Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa.
-
26
|Proverbios 28:26|
Okholose ngeyakhe intliziyo usisidenge; Ke yena ohamba ngobulumko uya kusinda.
-
27
|Proverbios 28:27|
Opha ihlwempu akasweli; Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi.
-
28
|Proverbios 28:28|
Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu; Ekutshabalaleni kwabo ayanda amalungisa.
-
1
|Proverbios 29:1|
Indoda eyohlwaywa futhi, iyenze lukhuni intamo yayo, Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
-
2
|Proverbios 29:2|
Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu; Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
-
3
|Proverbios 29:3|
Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise; Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
-
4
|Proverbios 29:4|
Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko; Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
-
5
|Proverbios 29:5|
Umfo ocengacenga ummelwane wakhe Uthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.
-
6
|Proverbios 29:6|
Elukreqweni lwendoda enobubi kubakho isirhintyelo; Ke lona ilungisa limemelela livuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10