-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Proverbios 29:17|
Mqeqeshe unyana wakho, wokuphefumlisa, Awuyolise umphefumlo wakho.
-
18
|Proverbios 29:18|
Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu; Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
-
19
|Proverbios 29:19|
Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi; Kuba siyaqonda, singakhathali.
-
20
|Proverbios 29:20|
Uyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo? Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
-
21
|Proverbios 29:21|
Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakhe Uya kwenelwa lukhula ekupheleni.
-
22
|Proverbios 29:22|
Indoda enomsindo ixhaya ingxabano; Umntu onobushushu uzele lukreqo.
-
23
|Proverbios 29:23|
Ikratshi lomntu liya kumthoba; Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
-
24
|Proverbios 29:24|
Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe; Uyasiva isishwabulo, angaxeli.
-
25
|Proverbios 29:25|
Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo; Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.
-
26
|Proverbios 29:26|
Baninzi abafuna ubuso bomlawuli; Ke lona ibango lendoda livela kuYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19