-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Proverbios 30:30|
Yingonyama, igorha phakathi kwezinto ezizitho zine, Elingabuyi umva phambi kweento zonke;
-
31
|Proverbios 30:31|
Yinja elingesi nokuba yinkunzi yebhokhwe; Ngukumkani enomkhosi wakhe.
-
32
|Proverbios 30:32|
Ukuba uthe wenza ngobudenge ngokuziphakamisa, Nokuba uthe wankqangiyela, Beka isandla emlonyeni.
-
33
|Proverbios 30:33|
Kuba ukucofa ubisi kuvelisa amasi, Ukucofa impumlo kuvelisa igazi, Ukucofa umsindo kuvelisa imbambano.
-
1
|Proverbios 31:1|
Amazwi kaLemuweli, ukumkani waseMasa, awamqeqesha ngawo unina.
-
2
|Proverbios 31:2|
Yini, nyana wam? yini, nyana wesizalo sam? Yini, nyana wezibhambathiso zam?
-
3
|Proverbios 31:3|
Amandla akho musa ukuwanika amankazana, Iindlela zakho uzinike abo batshabalalisa ookumkani.
-
4
|Proverbios 31:4|
Asiyindawo yokumkani, Lemuweli, asiyindawo yokumkani ukusela iwayini; Asiyindawo yezidwangube ukuthi, Siphi na isiselo esinxilisayo?
-
5
|Proverbios 31:5|
Hleze basele bakulibale okumiselweyo, Balijike ityala loonyana bonke beentsizi.
-
6
|Proverbios 31:6|
Isiselo esinxilisayo sinikeni abatshabalalayo, Newayini yinikeni abamphefumlo ukrakra.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10