-
-
Xhosa
-
-
1
|Romanos 1:1|
UPawulos, umkhonzi kaYesu Kristu, umpostile owabizwayo, wahlulelwa ukuvakalisa iindaba ezilungileyo zikaThixo,
-
2
|Romanos 1:2|
awazidingayo ngenxa engaphambili ngabo abaprofeti bakhe ezibhalweni ezingcwele,
-
3
|Romanos 1:3|
ebhekisele kuNyana wakhe, owazalwa engowembewu kaDavide ngokwenyama,
-
4
|Romanos 1:4|
owamiswayo ukuba unguNyana kaThixo, enamandla, ngokomoya wobungcwele, ngokuvuka kwabafileyo, uYesu Kristu ke, iNkosi yethu;
-
5
|Romanos 1:5|
esathi ngaye samkela ubabalo nobupostile, ukuze ngenxa yegama lakhe kubekho ukulululamela ukholo phakathi kwazo zonke iintlanga;
-
6
|Romanos 1:6|
eniphakathi kwazo nani, babiziweyo bakaYesu Kristu:
-
7
|Romanos 1:7|
ubhalela bonke abaseRoma, abaziintanda zikaThixo, abangcwele ababiziweyo, esithi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.
-
8
|Romanos 1:8|
Kuqala ke, ndiyabulela kuThixo wam ngoYesu Kristu ngenxa yenu nonke, kuba ukholo lwenu luxelwa ehlabathini liphela.
-
9
|Romanos 1:9|
Kuba ulingqina lam uThixo, endimkhonzayo ngomoya wam kwiindaba ezilungileyo zoNyana wakhe, okokuba andiyeki ukunikhankanya;
-
10
|Romanos 1:10|
ndihlala ndikhunga emithandazweni yam, ukuba ndingade ngoku ndibe nempumelelo, ndize kuni nangakuphi, ngako ukuthanda kukaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7