-
-
Xhosa
-
-
10
|Romanos 3:10|
njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Akukho lungisa, hayi, nalinye;
-
11
|Romanos 3:11|
Akukho uqondayo; Akukho umfunisisayo uThixo!
-
12
|Romanos 3:12|
Bonke baphambukile; bephelele, abancedi lutho; Akukho wenza okulungileyo; akukho nokude abe mnye.
-
13
|Romanos 3:13|
Lingcwaba elivulekileyo umqala wabo, Ngeelwimi zabo bamana ukukhohlisa. Ubuhlungu bamaphimpi buphantsi kwemilebe yomlomo wabo.
-
14
|Romanos 3:14|
Abamlomo uzele kukuqalekisa nobukrakra.
-
15
|Romanos 3:15|
Iinyawo zabo zinamendu okuphalaza igazi;
-
16
|Romanos 3:16|
Lityumtyum neentsizi ezindleleni zabo;
-
17
|Romanos 3:17|
Nendlela yoxolo abayazanga.
-
18
|Romanos 3:18|
Akukho koyika Thixo phambi kwamehlo abo.
-
19
|Romanos 3:19|
Siyazi ke ukuba izinto zonke ozithethayo umthetho, uzithetha kwabaphantsi komthetho; ukuze imilomo yonke ivingcwe, nehlabathi lonke libe netyala kuThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10