-
-
Xhosa
-
-
30
|Romanos 3:30|
ekubeni emnye uThixo, oya kugwebela abolwaluko ngokwaselukholweni, nabangengabolwaluko ngalo ukholo.
-
31
|Romanos 3:31|
Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.
-
1
|Romanos 4:1|
Yintoni na ngoko esiya kuthi, uAbraham, ubawo wethu, ufumene yona ngokwenyama?
-
2
|Romanos 4:2|
Kuba uAbraham, ukuba wayegwetyelwe ngokwasemisebenzini, ange eneqhayiya; akanalo ke phambi koThixo.
-
3
|Romanos 4:3|
Kuba sithini na isibhalo? Sithi ke, Wakholwa uAbraham kuThixo, kwaza oko kwabalelwa kuye ebulungiseni.
-
4
|Romanos 4:4|
Ke kaloku, kulowo usebenzayo, umvuzo awubalelwa ngokwaselubabalweni; ubalelwa ngokwasekubangweni.
-
5
|Romanos 4:5|
Ke kulowo ungasebenziyo, uthi akholwe kuye omgwebelayo lowo ungahloneli Thixo, ukholo lwakhe lubalelwa ebulungiseni;
-
6
|Romanos 4:6|
kwanjengokuba noDavide eluncoma uyolo lwaloo mntu, uThixo ambalela ubulungisa kungekho misebenzi,
-
7
|Romanos 4:7|
esithi, Banoyolo abazigqitho zixolelweyo, Abazono zigutyungelweyo;
-
8
|Romanos 4:8|
Inoyolo indoda eya kuthi iNkosi ingakhe ibalele sono kuyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10