-
-
Xhosa
-
-
4
|Romanos 5:4|
unyamezelo ke lusebenza ukucikideka; ukucikideka ke kusebenza ithemba;
-
5
|Romanos 5:5|
ithemba ke alidanisi, ngokuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele, esamnikwayo.
-
6
|Romanos 5:6|
Kuba uKristu uthe, sakubonÂ’ ukuba sisengama-athalala, wabafela ngexesha elimisiweyo abangahloneli Thixo.
-
7
|Romanos 5:7|
Kuba kungangenkankulu ukuthi ubani afele ilungisa; kuba uthi mhlawumbi ubani abe nobuganga bokumfela olungileyo;
-
8
|Romanos 5:8|
ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubonÂ’ ukuba sisengaboni, uKristu asifele.
-
9
|Romanos 5:9|
Kokukhona sigwetyelwe nje ngegazi lakhe, siya kusindiswa ngaye kuyo ingqumbo.
-
10
|Romanos 5:10|
Kuba xa sithe, besiziintshaba nje, saxolelaniswa noThixo ngako ukufa koNyana wakhe: kokhona, sixolelanisiwe nje, siya kusindiswa ngobomi bakhe.
-
11
|Romanos 5:11|
Asikukuphela ke oko; singabazingca nokuzingca nangaye uThixo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, esamkele ngayo kalokunje uxolelaniso olo.
-
12
|Romanos 5:12|
Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;
-
13
|Romanos 5:13|
kuba kude kwakho umthetho, kukho isono ehlabathini, sibe ke isono singabalelwa mntwini kungekho mthetho.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10