-
-
Xhosa
-
-
14
|Romanos 5:14|
Ukufa ke kwalawula, kuthabathela kuAdam kwezisa kuMoses, nakwabo bangonanga ngokufana nesigqitho sika-Adam, oyintsobi yalowo ubeza kubakho.
-
15
|Romanos 5:15|
Sisuke isiphoso asaba njengoko sinjalo sona isibabalo. Kuba, xa abaninzi aba bafa sisiphoso salowo mnye, kokukhona ubabalo lukaThixo, nesipho esingobabalo olu lwalo mntu mnye, uYesu Kristu, saphuphumela kubo abaninzi aba.
-
16
|Romanos 5:16|
Kanjalo sona isipho asinjengokuba kwaba njalo ngalowo mnye wonayo. Kuba okunene isigwebo seza ngenxa yalowo mnye, sesa ekugwetyweni; ke sona isibabalo seza ngenxa yeziphoso ezininzi, sesa ekugwetyelweni.
-
17
|Romanos 5:17|
Kuba, xa kwathi ngesiphoso salowo mnye ukufa kwalawula ngalowo mnye, kokukhona baya kuthi aba bakwamkelayo ukuphuphuma kobabalo, noko kuphiwa ubulungisa, babe nokulawula ebomini ngaye lo umnye, uYesu Kristu.
-
18
|Romanos 5:18|
Ngoko ke, njengokuba kwathi ngasiphoso sinye kwabakho ukugwetywa kwabo bonke abantu, ngokunjalo kothi nangesenzo esinye sobulungisa, kubekho ukugwetyelwa ubomi kubo bonke abantu.
-
19
|Romanos 5:19|
Kuba njengokuba kwathi, ngokungeva komntu omnye lowo, abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kuya kuthi, nangokuva komnye lo, abaninzi benziwe amalungisa.
-
20
|Romanos 5:20|
Ke kaloku umthetho wangena nawo, ukuze isiphoso sande; ke apho sandayo isono, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo;
-
21
|Romanos 5:21|
ukuze, njengokuba isono saba nokulawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lube nokulawula ngobulungisa, luse ebomini obungunaphakade, ngaye uYesu Kristu, iNkosi yethu.
-
1
|Romanos 6:1|
Masithini na ngoko? Masihlale sihleli na esonweni, ukuze ubabalo lwande?
-
2
|Romanos 6:2|
Nakanye! Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10