-
-
Xhosa
-
-
15
|Romanos 16:15|
Bulisani kuFilologo, noYuliya, kuNere, nodade wabo, no-Olimpa, nabo bonke abo bangcwele banabo.
-
16
|Romanos 16:16|
Bulisanani ngolwango olungcwele. Ayanibulisa amabandla kaKristu.
-
17
|Romanos 16:17|
Ke kaloku ndiyaniyala, bazalwana, balumkeleni abo benza iimbambaniso nezikhubekiso, ezinxamnye nemfundiso enayifundayo nina, niphambuke kubo.
-
18
|Romanos 16:18|
Kuba abanjalo abakhonzi yona iNkosi yethu uKristu, bakhonza esabo isisu; baze, ngamazwi anencasa nalalanisayo, balukuhle iintliziyo zabangazani nabubi.
-
19
|Romanos 16:19|
Kuba ukululama kwenu kuye kwafika kubo bonke. Ndiyavuya ngoko ngani; ndinga ke ningaba ngabalumkileyo okunene kokulungileyo; kodwa nibe ngabangenabuqhinga kokubi.
-
20
|Romanos 16:20|
UThixo ke woxolo uya kumtyumza uSathana kamsinya phantsi kweenyawo zenu. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani.
-
21
|Romanos 16:21|
Bayanibulisa ooTimoti, osebenza nam, noLukiyo, noYason, noSosipatro, imizalwane yam.
-
22
|Romanos 16:22|
Ndiyanibulisa ngokwaseNkosini, mna Tertiyo, uyibhalileyo le ncwadi.
-
23
|Romanos 16:23|
Uyanibulisa uGayo, esilundwendwe lwakhe, mna nebandla liphela. Uyanibulisa uErasto, igosa lomzi, noKwarto umzalwana.
-
24
|Romanos 16:24|
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 4-5